Cape Amalgamated Taxi Association

  • Home
  • Cape Amalgamated Taxi Association

Cape Amalgamated Taxi Association Get where you want to just on time-choose our service.

30/07/2026
30/07/2026

Uhambe kakuhle umthandazo obubanjelwe eNyanga Terminus eKapa.

30/07/2026

Emthandazweni obubanjelwe eNyanga Terminus eKapa.

30/07/2026

Kuthandaziwe eNyanga Terminus, siyabulela kuye wonke umntu okwazileyo ukuphumelela.

Sicela kungabikho mntu okanye bantu bahamba phakathi kweetekisi eTerminus emva kwentsimbi yesixhenxe (19:00) kukho onoga...
29/07/2026

Sicela kungabikho mntu okanye bantu bahamba phakathi kweetekisi eTerminus emva kwentsimbi yesixhenxe (19:00) kukho onogada ababekiweyo ngenxa yezehlo zokutshiswa kwetekisi. Enkosi

Ngomso sizakuba nomthandazo erenkini eTerminus eKapa, siyacela bahlali onako ukufikelela asijoyine. Enkosi
29/07/2026

Ngomso sizakuba nomthandazo erenkini eTerminus eKapa, siyacela bahlali onako ukufikelela asijoyine. Enkosi

UMNIKAZI WEBHEGI ESEFOTWENI UZAKUYIFUMAMA ETERMINUS. Molo admin kunjani, kukho usisi oshiye bag izolo emotweni(kwi phela...
28/07/2026

UMNIKAZI WEBHEGI ESEFOTWENI UZAKUYIFUMAMA ETERMINUS.


Molo admin kunjani, kukho usisi oshiye bag izolo emotweni(kwi phela). Uthe xa esehla wayilibala, ebekhwele eKhwezi wehla eMarcus Garvy. Ndiyishiye kulaOffice yakwaKikki Marrey ke eTerminus. Enkosi.

23/07/2026

SIYABUYA NEMPENDULO.


Molweni eksen ndibenengxaki eksen kwezitaxi zaseWynberg/Clermont ndikhwele itaxi ebisuka kwelawomacala isiya eSamora udriver wandbuza ndiyaphi ndatsho ukba eSamora wathi ndawon ndatsho xa ndkhupha iR30 wathi sapha iR10 ngokungazi kwam ndabuza ba kant iyaphi itaxi wathatha iR10 ndone ngokbuza wakhwela ezehlela k*m wathi Jonga cc ungazondiphambanela ucinga ukba kusemsebenzin wakho apha andzuva ngawe.

Ndacela andehlise wathi andzuva ngawe cc wabe engxame ndingazi ba ungxamiswe yinton eksen ndazinceda ngokthula ngoba bendimbona undifuna esiqwini kwayena uthetha nje akasajonganga nendlela ujonge mna ndilapha emva kwakhe ndathula tuu ithe xa ifika erenkini yangen sabe sibanini wathetha nalo endfike ehleli naye esefront ba ndzojika ndimise ukhwele iphela mna bengasathethi tu nam nam.

Xa emisa ndehla ndaphinda ndakhwela iphela ngeR15 which means imali endiykhuphu namhlanje yo25 ngoba akakwazanga nokundichazela kakuhle ba akazusisa ngokwezitop zethu unxibe ijacket ne tracktop enomnqwazi ngaphantsi ngutata osekhulile ireg ndikwazike ukwehla ndayibhala phantsi

22/07/2026

ILUNGISEKILE BAKHWELI

Ewe bhuti wam ndidibene naye namhlanje ekuseni ndincedwe kukwazi sticker semoto ngoba bendingasamazi yena ndiyabulela kakhulu

Address

L 709 Sithandathu Road

7750

Opening Hours

Monday 08:00 - 16:00
Tuesday 08:00 - 16:00
Wednesday 08:00 - 16:00
Thursday 08:00 - 16:00
Friday 08:00 - 15:00

Telephone

+27720384165

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Cape Amalgamated Taxi Association posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Organization

Send a message to Cape Amalgamated Taxi Association:

Shortcuts

  • Want your organization to be the top-listed Government Service?

Share