14/05/2026
14 kuCanzibe 2026
UKUPHAWULA USUKU LOKUYIMBALI KWIHLABATHI (INTERNATIONAL MUSEUM DAY)
Namhlanje beKuphawulwa Usuku Lokuyimbali KwiHlabathi (International Museum Day obelubanjelwe eAlfred Nzo Cultural History Museum EmaXesibeni. Lemibhiyozo inosuku olubekelwe bucala eli 18 kuCanzibe 2026 ukufundisa ngemveli kwiHlabathi kwenzele sizazi uba singobani, futhi sisukaphi sisiyaphi. Kuba xa sigcina ixesha elidlulileyo, sizinikeza ikamva eliqaqambileyo.
Iziseko zokugcina okuyimbali, zigcina izithethe, isayensi, nemizabalazo eyabumba ukuba singobani, ngelixa zivula iingcango zokucinga izinto esingekazicingi ngokwengqondo.
“Kubalulekile ukuzisa abantwana bethu kwiiZiseko zokuPhawula Imbali. Ngoba sesibona abantu bengenabuntu kukungazazi uba basukaphi. Kudala wawungaphumi emzini ungenzelwanga ubuntu, kodwa kwelixesha esiphila kulo abusekho ubuntu. Kodwa olusuku luyasifundisa ukuba singobani, besiqhuba kanjani”, ucacise watsho obemele uSodolophu wasekuhlaleni kulombhiyozo, uCllr Monwabisi Tuku.