Umthombo WesiXhosa

Umthombo WesiXhosa Kulapho wena uzibiza ngokuba ungumXhosa ucaca khona. Ngantsuku zonke kuza kubekwa izaci okanye amaqhalo. Wena ke, nje ngamXhosa, uza kusinika intsingiselo

14/03/2020

Mzi wakowethu. Xa kusithiwa: "Inkomo iyalubethelwa ubisi lwayo" kuthethwa ukuthiwani?

29/04/2018

"Uvundlile"

Eli gama lisukela esilwanyaneni esingumvundla. Uthi xa uzimele kwindawo azifihla kuwo umvundla azithi ntaa iindlebe, awathi gqaa Angelo esakuva kurhwatshaza.

Umntu ovundlileyo ngumntu apha othe wabethelwa okanye weva ukuba kucetywa okuthile ngaye, ahlale ethe qwaa ukujonga utshaba. Nako ke ukuvundla.

15/07/2017

Zisina zidedelana - Nabanye mabanikwe ithuba.

Ukusina luhlobo lomxhentso ngeemini zogayi/zolonwabo. Lowo uxhentsayo kufuneka axhentse de asuke kungene omnye esithilini enze eyakhe naye asukele olandelayo.

13/07/2017

Kungentsuku zatywala - kungekudala

Kaloku utywala buthatha iintsuku ezininzi ukwenzima. Eg. Buyafakwa, budidiyelwe, buphekwe, bupholiswe, bufakwe, bugqunywe, buyabila, buhluzwe. Ezonto azenzeki ngasuku lunye.

01/07/2017

Bakhona kwaye baliqela abantu abangazaziyo iinyanga zonyaka ngesiXhosa:

1. EyoMqungu
2. EyoMdumba
3. UKwindla
4. UTshazimpuzi
5. UCanzibe
6. EyeSilimela
7. EyeKhala
8. EyeThupha
9. EyoMsintsi
10. EyeDwarha
11. EyeNkanga
12. EyoMnga

Zifunde uzazi ze ufundise abantwana.

15/06/2017

Ixhama litolwe ngabaThwa. Oko kukuthi, kukho isisulu sento (ingayindyebo yenyama, njalo njalo). Nantoni na eyenzwe isisulu sithi, ixham litolwe ngabathwa. Umz. "Ndizithuthele amakhaphetshu kula loli iwileyo, ixhama litolwe ngabathwa apho!"

12/01/2017

Ukugabuka kwenkungu kukuvuleka komtyhi kumqobo obuphambi kwakhi. Ngelinye ixesha uzibone usdbumnyameni ungazi ukuba iphi na indlela eya phambili isuke igabuke inkungu, kuthi qwenhe! Uyibone indlela.

Siphila kumaxesha anjalo, amaxesha apho umntu akhe azibone evalelwe yinkungu. Lilahleke ithemba lokuya phambili kuba indlela ivele irhangqwe yinkungu kuba kaloku yona ilala kwiintaba ngeentaba, kukwanjalo nokulala kwiindlela ngeendlela. Kwakuvela ilanga iyoyisakala igabuke. Nale iphambi kwakho iza kugabuka!

Ithemba alilahlwa!

07/01/2017

Tshotshweni nto zobawo, niwufumene nalo unyaka. Ziqhwithizile iinkqwithelo, yahlunga imihlaba kukutsha kwengca. Khange ibe kukutsha kwegquba lona litsha lingayeki. Ezo zantyalantyala zonxunguphalo zingangaphezi. Kodwa umbulelo kukuba Siwufumene lo nyaka. Ikati ingalala eziko kuba kade yinyanga yokuba isondela. Kuzodlula.

Bhotani maXhos'akowethu!

18/08/2016

Kwingxingwa yonxunguphalo. Kumawa entandabuzo. Kwithafa lemibuzo. Kwintaba ythathako. Kuthi makhe ndivele kumzi kaXhosa. Inzwinini yeentaka kwityholo lethemba ihlwahlwaza kunge kugungxuke ilwalwa kwaqhama ameva. Inkanga inge iyadubula s**a yabuna, yetha. Yetha njani na ngakumbi ingekadubuli? Ezimyoli ziyolisile de zagqithisa. Ezimnandi zitsho kwanga umphefumlo awungekhe uxhwaleke. Kodwa akunani, ithemba ungalilhli kuba liyphilisa! Mhmm.

19/07/2016

Inkungu ilala kwiintaba ngeentaba

Kuthiwani apha?

15/07/2016

Athi umXhosa: Oxheleyakhe akabuzwa...oko kukuthi myeke umntu enze akuthandayo ngezinto zakhe.

!

12/06/2016

"Inkinge emthumeni" sisaci esixela into engenakusombululeka. Umsonto onyikinyiki, inqontsonqa. Bhotani kwindlu kaPhalo.

Address

Crossroads
Cape Town
7700

Opening Hours

Monday 06:00 - 23:00
Tuesday 06:00 - 23:00
Wednesday 06:00 - 23:00
Thursday 06:00 - 23:00
Friday 06:00 - 23:00
Saturday 06:00 - 23:00
Sunday 06:00 - 23:00

Telephone

+27788258554

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Umthombo WesiXhosa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category