08/06/2026
Bahlali bakwaWadi 1, eNduli, nabavoti bonke abafanelekileyo,
Njengoko silungiselela intlanganiso yokutyumba umgqatswa kaMasipala we-ANC kwaWadi , NgoLwesithathu ngomhla we-10 kuJuni 2026, ndicela ngentobeko inkxaso nentembeko yenu ukuze nindinike elinye ithuba lokuqhubeka ndinikhonza njengomgqatswa we-ANC kunyulo zoRhulumente woMmandla uluzayo.
Kwixesha endinisebenzele ngalo njengoCeba kwaWadi 1, ndizimisele ukusebenza nzima ekumeleni iimfuno zoluntu lwethu, ekulweni ukuphuculwa kweenkonzo, ekuxhaseni uphuhliso loluntu, nasekuqinisekiseni ukuba ilizwi labantu baseNduli liyaviwa kwiindawo zokwenza izigqibo. Nangona kusekho imiceli mngeni emininzi ekufuneka siyoyisile, ndikholelwa ukuba sisekude ukufikelela kwiinjongo zethu kwaye kusekuninzi ekufuneka sikufezekisile kunye.
Ngenxa yoko, ndicela bonke abavoti ababhalise kwi-IEC phantsi koWadi 1, eNduli ukuba beze ngobuninzi babo kule ntlanganiso baze bandixhase ukuze ndityunjwe kwakhona njengomgqatswa we-ANC. Inkxaso yenu iya kundinika ithuba lokuqhubeka nokusebenzela uluntu lwethu ngokuzinikela, ngokunyaniseka nangokuphendula kwiimfuno zabantu.
Masibambisaneni ekwakheni iNduli engcono, siphuhlise amathuba olutsha lwethu, siphucule iinkonzo zoluntu, size sakhe ikamva elingcono kubo bonke abantu bakwaWadi 1.
Ndiyanibongoza ukuba nize neencwadi zenu zesazisi (ID) kwaye nithathe inxaxheba kule nkqubo ibalulekileyo yedemokhrasi.
Umhla: NgoLwesithathu, 10 Juni 2026
Ixesha: 18:00
Indawo: Polocross Hall, eNduli, eCeres
"Masihambeni kunye siqhubekeke nokwakha uWadi 1 ongcono kubo bonke abantu bayo."
Ozithobayo,
Ceba Andile Gili
Umgqatswa we-ANC, Wadi 1
Nozengezi Kewana Branch
________________________________________
Residents and eligible voters of Ward 1, Nduli,
As we prepare for the upcoming ANC Ward Candidate Selection Meeting on Wednesday, 10 June 2026, I humbly request your support and confidence in allowing me to continue serving our community as your ANC Ward Councillor Candidate for a second term.
Over the past term, I have worked tirelessly to represent the interests of Ward 1, engage with residents, advocate for improved service delivery, support community development initiatives, and ensure that the voices of our people are heard within government structures. While there is still much work to be done, I remain committed to building on the progress we have made together.
A second term would allow us to continue advancing the priorities of our community, including improving infrastructure, creating opportunities for our youth, strengthening community safety, promoting local economic development, and ensuring that Ward 1 receives the attention and resources it deserves.
I therefore call upon all registered voters of Ward 1 who will be attending the nomination meeting to support my nomination and candidature. Your support will enable us to continue the journey of serving our people with dedication, accountability, and integrity.
Together, we can continue working towards a better Nduli and a stronger Ward 1.
I kindly encourage all eligible voters to attend the meeting, bring their IDs, and participate in this important democratic process.
Date: Wednesday, 10 June 2026
Time: 18:00
Venue: Polocross Hall, Nduli, Ceres
"Together, let us continue moving Ward 1 forward."
Yours in Service,
Cllr Andile Gili
ANC Ward 1 Councillor Candidate
Nozengezi Kewana Branch, Witzenberg Ward 1