26/08/2026
Amafama emfuyo asakhulayo aseMbhashe namhlanje afumene ithuba lokuxhotyiswa ngeendlela zokuphucula inqanaba lemfuyo yabo kunye nokuthengisa iinkomo zabo kwimarike yenyama yenkomo ngokusesikweni. Olu lwazi luze namagosa akwa Karan Beef, eyona nkampani enkulu eMzantsi Afrika ekuthumeleni inyama yenkomo kumazwe angaphandle, ngexesha bezimase usuku lwamafama aseMbhashe (Mbhashe Farmers' Day) esikiti eDutywa.
Le nkqubo ibibanjwe yiMbhashe Livestock Farmers Association isebenzisana noMasipala waseMbhase, iNational Livestock Farmers Association South Africa (NaLFA-SA). Ngexesha lentetho yakhe, igosa lakwaKaran Beef, uNtlantla Mawuku, ukhankanye ukuba baye banyanzeleka ukuba batyelele ummandla woMbhashe ngenxa yokuba iMpuma Koloni inenani elikhulu leenkomo kwilizwe liphela, elimalunga nezigidi ezine, kwaye nangona ummandla weMbhashe unegalelo elimalunga nama-40% kwelo nani, uvelisa imveliso yenyama yenkomo ephantsi kakhulu kwimarike esemthethweni yelizwe lonke.
Imiba ayiqwalaseleyo kwintetho yakhe ibandakanya le:
• Indlela eyiyo yokufuya iinkomo ujonge ukwenza ingeniso.
• Indlela ezifanelekileyo nezixhobo zokwenza uphawu kwiinkomo ukuze zingonzakali kwaye zamkeleke kwaKaran Beef
• Ubukhulu nobunzima bamathole athengwa ngabakwaKaran Beef nezinye iinkampani kubalimi
• Imigaqo nemithetho emayithotyelwe ukuze iinkomo zibe kumgangatho owamkelekileyo kwaKaran Beef nakumanye amaziko
• Amanyathelo okusuka kulimo lokuziphilisa ukuya kulimo lwezorhwebo
• Uqikelelo lwengeniso enokufumaneka xa kuthengiswa amathole kwaKaran Beef
Ngethuba esenza amazwi wakhe wokuvala lo msitho, uSodolophu waseMbhashe uGqirha Samkelo Janda, uphefumle wathi "Ndibulela ukuba nize kuthatha inxaxheba namhlanje, nize kumamela into ibithethwa apha. Ngoku kufuneka xa sifuya singenzi ngendlela yooBawomkhulu, koko sicinge ngezorhwebo."
Phakathi kwabantu abathe bazimasa le nkqubo yiKumkani yamaXhosa uAhlangene 'Ahh Vulikhaya' Sigcawu, amagosa kaMasipala waseMbhashe, amagosa kaMasipala weSithili i-Amathole , amagosa eSebe lezoLimo, uMSD Health, Land Bank, ooNozibaya, Meat Natural Africa, Mtiza Farmers Corp, abakwantsasana bajongene nokubiwa kwemfuyo (SAPS Stock Theft Unit) kunye nabonyanzeliso mthetho (Law Enforcement) nabantwana bezikolo ezikufutshane abenza izifundo zolimo. Ukanti amafama asuka kuMasipala iMnquma kwakunye neIngquza Hill nabo bayinxalenye yale nkqubo.