29/05/2026
WHITE CANE AWARENESS
UMasipala waseNgqushwa ebambisene noMasipala wesiThili i-Amathole kwakunye neSebe lezeMidlalo, iNkcubeko namaGugu Department of Sport, Recreation, Arts and Culture (DSRAC) baqhube inkqubo ye-White Cane Awareness Day kwiHolo iNcumisa Kondlo.
UCeba Mfundo Gqo, obemele uSodolophu, wamkele bonke abebeze kuzimasa le nkqubo ngenjongo yokunika inkxaso nokufumana ulwazi ngendlela efanelekileyo yokuhlala nokuncedisana nabantu abaphila nokungaboni. UCeba Gqo ukhuthaze uluntu ukuba lubakhathalele, lubaxhase kwaye lubancedise abantu abaphila nokukhubazeka. Ukwathe zonke izifundo neengcebiso ekuza kuthethwa ngazo kule nkqubo mazisetyenziswe ekuhlaleni ukwakha uluntu.
UMnumzana Nduku Mzamo, obemele iNgqushwa Disability Forum, uvakalise uvuyo ngeli thuba lokudibana kuthethwe kwaye kuboniswane ngeemfuno zabantu abaphila nokukhubazeka ekuhlaleni.
Amasebe karhulumente aquka Department of Sport, Recreation, Arts and Culture, Department of Social Development kunye ne South African Police Service (SAPS) athethe ngazwi linye ekhuthaza ukuhlonitshwa nokuxatyiswa kwabantu abaphila nokukhubazeka.
I-DSRAC ikhuthaze abantu ukuba babhalise kwi-database yesebe ukuze bakwazi ukufumana amathuba eenkqubo zophuhliso lwezakhono ezifana nokuthunga nezinye iinkqubo zokuziphuhlisa. Isebe lezeNtlalontle lona lichaze ukuba liyayixhasa i-Nkwenkwezi Forum ejongene nabantu abaphila nokukhubazeka, kwaye lavakalisa umnqweno wokuba kunga kungakho sikolo esikhethekileyo (special school) ukuze kuphuhliswe izakhono zabo bakwazi ukuzisebenzela.
Isithethi sembeko, Lydia Marques - Eastern Cape Project Manager at SouthAfrican Library for the blind unikezele ngenkcazo eneenkcukacha ngobomi babantu abangaboniyo, iiMini Libraries eziyi-59 ezikhoyo kwiPhondo leMpuma Koloni, kwakunye nezixhobo ezisetyenziswa ukuncedisa abantu abangaboniyo ukuze bakwazi ukuphila nokusebenza ngokuzimeleyo.
Abantu abasixhenxe baphiwe iinduku ezimhlophe ezinobuchwepheshe bale mihla (Smart Cane), eziza kuncedisa ekuhambeni ngokukhuselekileyo, ukukhuthaza ukuzimela, kunye nokuphucula ukuhamba kwabantu abangaboniyo.
UMnumzana Mntwapi, olilungu leNgqushwa Disability Forum, ubulele kakhulu ngenkxaso karhulumente kunye neenkqubo eziqhubekayo zokuxhasa abantu abaphila nokukhubazeka.